EYEZIQALO 1

Imbali yokudalwa kwezinto 1 Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. 2 Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi….

EYEZIQALO 2

1 Aba ke ngoko agqityiwe ukudalwa amazulu nehlabathi liphela. 2 Ngomhla wesixhenxe uThixo wayeselekugqibile konke awayekwenza, waza ke waphumla. 3 Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo,kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala….

EYEZIQALO 3

Ukuwa koluntu 1 Inyokayayisesona sidalwa sinobuqhetseba kunazo zonke izidalwa *zikaNdikhoyo uThixo. Yambuza umfazi inyoka yathi: “Ngaba kuyinyani na ukuba uThixo uniyalele ukuba ningatyi kuyo yonke imithi ekulo myezo?” 2 “Hayi,…

EYEZIQALO 4

UKayen noAbheli 1 UAdam wadibana nomkakhe uEfa, waza wakhulelwa. Wazala umntwana oyinkwenkwe, waza wathi: “Ndifumene inkwenkwe ngoncedo *lukaNdikhoyo.” Wamthiya igama ke, wathi nguKayen. 2 Uphinde wazala inkwenkwe: uAbheli. UAbheli wayengumfuyi…

EYEZIQALO 5

Inzala ka-Adam 1 Nanga amagqabantshintshi ngoAdam. (Kaloku uThixo ukudala kwakhe abantu, wabenza bafana naye. 2 Wadala indoda nomntu obhinqileyo, wabathamsanqelisa, wathi bangabantu.) 3 Akuba nekhulu elinamashumi mathathu uAdam, wazala unyana…

EYEZIQALO 6

Ubutshijolo babantu 1 Lwakuba lwandile uluntu, luthe saa elizweni, kuzelwe namantombazana, 2 oonyana bakaThixo baphandlwa bubuhle beentombi zabantu, bazikhethela abafazi kuzo ngokuzithandela. 3 Ngoko ke *uNdikhoyo wathi: “Andisayi kubayeka babe…

EYEZIQALO 7

Unogumbe 1 Wathi ke *uNdikhoyo kuNowa: “Ngena enqanaweni nomkakho kunye nosapho lwakho. Ndiphawule ukuba nguwe wedwa kwesi sizukulwana olilungisa. 2 Uze ungenise enqanaweni iinyamakazi ezityiwayo zibe ngasixhenxe, ibe yinkunzi nemazi,…

EYEZIQALO 8

Ukupheza kukanogumbe 1 UThixo wayengabalibalanga ooNowa nezilwanyana nezilo ezazisenqanaweni kunye nabo. Wavelisa umoya, aza andula ukuthotha amanzi. 2 Yavalwa imithombo yamanzi engaphantsi komhlaba nesesibhakabhakeni, yapheza imvula. 3 Aya ethotha amanzi…

EYEZIQALO 9

Umnqophiso kaThixo noNowa 1 UThixo wamthamsanqelisa uNowa kunye noonyana bakhe, esithi: “Qhamani nande, nizalise ihlabathi ngenzala yenu. 2 Izilo zonke, kwaneentaka neentlanzi, mazinoyike. Zonke ziphantsi kwegunya lenu. 3 Yonke into…

EYEZIQALO 10

Umlibo wenzala yoonyana bakaNowa 1 Nanga amagqabantshintshi ngoonyana bakaNowa, uShem noHam noYafete. Kaloku nabo bazala oonyana emva kwemvulakazi kanogumbe. 2 Oonyana bakaYafete naba: nguGomere, uMagogi, uMadayi, uJavan, noTubhali, uMesheki, noTisari….